فَاَنْجَيْنٰهُ وَاَهْلَهٗٓ اِلَّا امْرَاَتَهٗ كَانَتْ مِنَ الْغٰبِرِيْنَ
fa anjaināhu wa ahlahū illamra'atahū kānat minal-gābirīn(a).
Emva koko samsindisa yena nabalandeli bakhe, ngaphandle komkakhe, owayephakathi kwabo bashiyekileyo.
قَالُوْا يٰلُوْطُ اِنَّا رُسُلُ رَبِّكَ لَنْ يَّصِلُوْٓا اِلَيْكَ فَاَسْرِ بِاَهْلِكَ بِقِطْعٍ مِّنَ الَّيْلِ وَلَا يَلْتَفِتْ مِنْكُمْ اَحَدٌ اِلَّا امْرَاَتَكَۗ اِنَّهٗ مُصِيْبُهَا مَآ اَصَابَهُمْ ۗاِنَّ مَوْعِدَهُمُ الصُّبْحُ ۗ اَلَيْسَ الصُّبْحُ بِقَرِيْبٍ
qālū yā lūṭu innā rusulu rabbika lay yaṣilū ilaika fa asri bi'ahlika biqiṭ‘im minal-laili wa lā yaltafit minkum aḥadun illamra'atak(a), innahū muṣībuhā mā aṣābahum, inna mau‘idahumuṣ-ṣubḥ(u), alaisaṣ-ṣubḥu biqarīb(in).
Zathi (iingelosi): “Owu Lut! Singabathunywa beNkosi yakho; abayi kukwenzakalisa. Ngoko ke phuma nosapho lwakho ekupheleni kobusuku, kwaye makungabikho namnye kuni okhangela ngasemva ngaphandle komfazi wakho. Ngokuqinisekileyo uya kuhlaselwa yintlungu ebafikeleyo. Ixesha labo lentlungu liya kuba sekuzeni kokusa. Akukafiki na ukusa?”
اِلَّآ اٰلَ لُوْطٍۗ اِنَّا لَمُنَجُّوْهُمْ اَجْمَعِيْنَۙ
illā āla lūṭ(in), innā lamunajjūhum ajma‘īn(a).
ngaphandle kwabalandeli bakaLut. Inene, ngokuqinisekileyo siya kubasindisa bonke,
فَاَسْرِ بِاَهْلِكَ بِقِطْعٍ مِّنَ الَّيْلِ وَاتَّبِعْ اَدْبَارَهُمْ وَلَا يَلْتَفِتْ مِنْكُمْ اَحَدٌ وَّامْضُوْا حَيْثُ تُؤْمَرُوْنَ
fa asri bi'ahlika biqiṭ‘im minal-laili wattabi‘ adbārahum wa lā yaltafit minkum aḥaduw wamḍū ḥaiṡu tu'marūn(a).
Ngoko ke phumani ekupheleni kobusuku nosapho lwenu, nize nibalandele ngasemva. Makungabikho namnye kuni okhangela ngasemva aze aqhubeke nohambo lwakhe oluya kwindawo enaniyalelwe ukuba niye kuyo.
فَنَجَّيْنٰهُ وَاَهْلَهٗٓ اَجْمَعِيْنَ ۙ
fa najjaināhu wa ahlahū ajma‘īn(a).
Emva koko samsindisa yena nosapho lwakhe lonke,
فَاَنْجَيْنٰهُ وَاَهْلَهٗٓ اِلَّا امْرَاَتَهٗ قَدَّرْنٰهَا مِنَ الْغٰبِرِيْنَ
fa'anjaināhu wa ahlahū illamra'atahū qaddarnāhā minal-gābirīn(a).
Ngoko ke samsindisa yena nosapho lwakhe, ngaphandle komkakhe, sagqiba kwelokuba uza kuba phakathi kwabo baseleyo (abaza kutshatyalaliswa).
قَالَ اِنَّ فِيْهَا لُوْطًا ۗقَالُوْا نَحْنُ اَعْلَمُ بِمَنْ فِيْهَا ۖ لَنُنَجِّيَنَّهٗ وَاَهْلَهٗٓ اِلَّا امْرَاَتَهٗ كَانَتْ مِنَ الْغٰبِرِيْنَ
qāla inna fīhā lūṭā(n), qālū naḥnu a‘lamu biman fīhā, lanunajjiyannahū wa ahlahū illamra'atahū kānat minal-gābirīn(a).
UIbrahim wathi, “Enyanisweni, kuloo mzi kukho uLut.” Zathi zona (iingelosi), “Siyazi ngcono ukuba ngubani okhoyo kuloo mzi. Ngokuqinisekileyo siza kumsindisa yena nabalandeli bakhe ngaphandle komfazi wakhe. Uphakathi kwabo baseleyo (batshabalalayo).”
وَلَمَّآ اَنْ جَاۤءَتْ رُسُلُنَا لُوْطًا سِيْۤءَ بِهِمْ وَضَاقَ بِهِمْ ذَرْعًا وَّقَالُوْا لَا تَخَفْ وَلَا تَحْزَنْ ۗاِنَّا مُنَجُّوْكَ وَاَهْلَكَ اِلَّا امْرَاَتَكَ كَانَتْ مِنَ الْغٰبِرِيْنَ
wa lammā an jā'at rusulunā lūṭan sī'a bihim wa ḍāqa bihim żar‘aw wa qālū lā takhaf wa lā taḥzan, innā munajjūka wa ahlaka illamra'ataka kānat minal-gābirīn(a).
Xa izithunywa zethu (iingelosi) zafika kuLut, waziva ebuhlungu ngenxa yokufika kwazo, waza (waziva) engenamandla okuzikhusela, zathi zona (izithunywa): “Musani ukoyika kwaye musani ukuba buhlungu. Inene, siza kukusindisa wena nabalandeli bakho, ngaphandle komfazi wakho, uphakathi kwabo baseleyo.”
اِذْ نَجَّيْنٰهُ وَاَهْلَهٗٓ اَجْمَعِيْنَۙ
iż najjaināhu wa ahlahū ajma‘īn(a).
(Khumbula) xa samsindisayo yena kunye nabo bonke abalandeli bakhe,
فَاَخْرَجْنَا مَنْ كَانَ فِيْهَا مِنَ الْمُؤْمِنِيْنَۚ
fa akhrajnā man kāna fīhā minal-mu'minīn(a).
Emva koko sakhupha abo babekholelwa kulo (ilizwe labantu bakaLut).
فَمَا وَجَدْنَا فِيْهَا غَيْرَ بَيْتٍ مِّنَ الْمُسْلِمِيْنَۚ
famā wajadnā fīhā gaira baitim minal-muslimīn(a).
Ngoko asifumananga nto kulo (ilizwe) ngaphandle kwendlu yamaSilamsi (uLut).
اِنَّآ اَرْسَلْنَا عَلَيْهِمْ حَاصِبًا اِلَّآ اٰلَ لُوْطٍ ۗنَجَّيْنٰهُمْ بِسَحَرٍۙ
innā arsalnā ‘alaihim ḥāṣiban illā āla lūṭ(in), najjaināhum bisaḥar(in).
Inene, Sibathumelele isivuthuvuthu esithwele amatye (esiwa phezu kwabo), ngaphandle kosapho lukaLut. Sabasindisa ngaphambi kokusa,